Acts 3:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kutwalwa indoda etile ebisisiqwala kwa sesizalweni sonina, eyabibekwa imihla ngemihla ngasesangweni letempile elikutiwa Lelihle, ukuze icele amalizo kwabo babengena etempileni;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwaye ke kuthwelwe ndoda ithile, ibisisiqhwala kwasekuzalweni kwayo, ababeyibeka imihla ngemihla emnyango wetempile, lowo kuthiwa Mhle, ukuba icele amalizo kwabangenayo etempileni;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwaye ke kuthwelwe ndoda ithile, ibisisiqhwala kwasekuzalweni kwayo, ababeyibeka imihla ngemihla emnyango wetempile, lowo kuthiwa Mhle, ukuba icele amalizo kwabangenayo etempileni;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Apho esangweni lendlu kaThixo ekwakusithiwa liSango eLihle, kwakukho indoda eyayisisiqhwala kwasekuzalweni kwayo. Yayidla ngokusiwa khona yonke imihla ukuze icele amalizo kwabangenayo.