Acts 3:22 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba u‐Mosesi watsho kubo obawo ukuti: Uyehova, utixo wenu, wonivusela umprofite, kubazalwana benu, njengam: yena niya kumva ngento zonke asukuba eziteta kuni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba uMoses okunene wathi koobawo, INkosi uThixo wenu iya kunivelisela umprofeti kubazalwana benu, onjengam nje; ze nimve yena kuzo zonke izinto asukuba eya kuzithetha kuni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kaloku uMosis wathi koobawo: “iNkosi uThixo wenu iya kunivelisela umprofeti kubazalwana benu onjengam nje; ize nimve yena kuzo zonke izinto asukuba eya kuzithetha kuni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku uMosis wathi: ‘INkosi uThixo wenu iya kunithumela umshumayeli ophuma kwalapha kumawenu njengam. Maze nimphulaphule kuyo yonke into anixelela yona.