Acts 4:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
makwazeke kuni nonke, nakubo bonke abantu bakwa‐Sirayeli, okokuba kungegama lika‐Yesu Kristu um‐Nazarete, lowo nina namkuruseshayo, ate utixo wamvusa ekufeni, kungaye lo ukuba lo mntu umi apa ebusweni benu epilile.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
makwazeke kuni nonke, nakubo bonke abantu bakwaSirayeli, ukuba kusegameni likaYesu Kristu waseNazarete, enambethelelayo emnqamlezweni nina, athe uThixo wamvusa kwabafileyo; kungaye lowo, ukuba lo mntu eme apha phambi kwenu ephilile.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Makwazeke kuni nonke, nakubo bonke abantu bakwaSirayeli, ukuba kusegameni likaYesu Kristu waseNazarete, enambethelelayo emnqamlezweni nina, athe uThixo wamvusa kwabafileyo; kungaye lowo, ukuba lo mntu eme apha phambi kwenu ephilile.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
nina ninamaSirayeli ewonke yazini le nto ke: Lo mntu umi apha phambi kwenu ephile qete, uphile ngenxa yegunya legama likaYesu Krestu waseNazarete. Lowo nina nambethelela emnqamlezweni; wamvusa ke yena uThixo.