Acts 4:21 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku bepindile ukubasongela babakulula, bengafumani ndawo yokuba bangabohlwaya ngayo, ngenxa yabantu; kuba bonke bebedumisa utixo pezu kwoko kwenzekileyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bathe ke bona, beqokele ngokubasongela, babandulula;bengafumani sizathu bangababetha ngaso, ngenxa yabantu; ngokuba bonke babemzukisa uThixo ngoko kwakuhlile.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bathe ke bona, beqokele ngokubasongela, babandulula, bengafumani sizathu bangababetha ngaso, ngenxa yabantu; ngokuba bonke babemzukisa uThixo ngoko kwakuhlile.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
IBhunga labatyityimbisela umnwe, laza labakhulula. Alibanga nakroba lakubohlwaya, ngenxa yokoyika abantu, kuba babedumisa uThixo ngesi senzo.