Acts 4:25 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
owatshoyo ngomlomo ka‐Davide isicaka sako ukuti: Yinina ukuba abaheyideni benza imbutumbutu, nokuba izizwe zacinga izinto ezingendawo?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
owathi ngomlomo kaDavide umkhonzi wakho, Zazibhavumelani na iintlanga, Zaza izizwe zacamanga izinto ezingento?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
owatshoyo ngomlomo kaDavide umkhonzi wakho, ukuthi, Yini na ukuba iintlanga zenze imbuthumbuthu, nabantu bacamange into engeyakonto?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
uDavide, isicaka sakho, ukhokho wethu, eqhutywa nguMoya oyiNgcwele wathi: “ ‘Kungani na iintlanga zisenza imbudumbudu nje? Kungani na ukuba abantu benze amayelenqe azé nje?