Acts 5:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
bada batwalelwa pandle abafayo kuzo zonke izitarate, babekwa pezu kwemandlalo nenku̔ko, ukuze kuti, kwakufika u‐Petrosi, kusibekelele inxenye yabo noko sisitunzi sake sodwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
bada bayithwalela phandle imilwelwe ezitratweni, bayibeka ezingqengqelweni nasezinkukweni, ukuze kuthi, akubon ukuba uPetros uyeza, kubekho kuyo ethi isityekelwe sisithunzi sakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
bada bakhutshelwa phandle imilwelwe ezitratweni, bayibeka ezingqengqelweni nasezingqengqelweni, ukuze kuthi, akubon’ ukuba uPetros uyeza, kubekho kuyo sisithunzi sakhe;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Baza abagulayo basiwa ezitalatweni, balaliswa ezibhedini nasemakhukweni, ukuze kuthi xa agqithayo uPetros isithunzi sakhe siwe phezu kwabanye.