Acts 5:34 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa wesuka wema umfarisi otile entlanganisweni, ogama lalingu‐Gamaliyeli, umfundisimteto obekekileyo pakati kwabo bonke abantu, waxela ukuba abapostile mabapunyiswe kube mzuzwana;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku kwesuka kwema othile entlanganisweni yamatyala, umFarisi ogama linguGamaliyeli, umfundisi womthetho, obekekileyo kubantu bonke, wathi makhe bakhutshelwe phandle kancinane abapostile;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku kwesuka kwema othile entlanganisweni yamatyala, umFarisi ogama linguGamaliyeli, umfundisi womthetho, obekekileyo kubantu bonke, wathi makhe bakhutshelwe phandle kancinane abapostile;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa omnye wabo, *owayengumFarasi ogama linguGamaliyeli, owayengumchazi-mthetho ohloniphekileyo kubantu bonke, waphakama wayalela ukuba abathunywa khe bakhutshelwe phandle.