Acts 5:36 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba pambili kuzo ezintsuku kwesuka u‐Teyuda, esiti ungumntu omkulu, ekwanamatela kuye inani lamadoda anga angamakulu mane; owayebulewe; nabo bonke ababetelela kuye, baci̔teka bati tshabalala.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba ngaphambi kwale mihla, kwesuka uTuda, esithi yena ngokwakhe unguthile; ekwanamathela kuye inani lamadoda angathi amakhulu mane; ngowasikwayo lowo; bathi bonke ababemthambele babhangazeka, ababa nto.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba ngaphambi kwale mihla kwesuka uTuda, esithi yena ngokwakhe unguthile; ekwathi kwanamathela kuye inani lamadoda angathi kumakhulu mane; bathi bonke ababemlulamele babhangazeka, ababa nto.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngaphambi koku kukhe kwavela uTuda ezenza uthile obalulekileyo, waza walandelwa ngamadoda akwisithuba samakhulu amane. Kodwa wafa, abalandeli bakhe bathi saa, waza naloo mbutho wakhe wafa.