Acts 5:37 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Emveni kwaló kwesuka u‐Jude um‐Galili, emihleni yesiba̔lelo, waku̔kulisa abantu abaninzi emva kwake; owabuba naye; nabo bonke ababetelela kuye, baci̔twa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Emva kwalowo kwesuka uYuda welaseGalili, ngemihla yobhalo lomlibo wokuzalwa, wakhukulisa abantu banela; naye lowo watshabalala; baza bonke ababemthambele bachithwachithwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Emva kwalowo kwesuka uYudas waseGalili ngemihla yobhalo lomlibo wokuzalwa, wakhukulisa abantu banela; naye lowo watshabalala; baza bonke ababemlulamele bachithwachithwa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emva koko kwavela uJuda umGalili, ngexesha lobalo, naye walandelwa ngabantu abaninzi, kodwa naye wafa, nabalandeli bakhe basarhaka.