Acts 5:38 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nokwakaloku nje nditi kuni: Gwegwedani kubo ababantu, nibayeke; ngokuba eliqinga umhlaumbi lomsebenzi ukuba uti ube ngowabantu, uya kutshatyalaliswa;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kungoku ke ndithi kuni, Khwelelani kwaba bantu nibayeke;ngokuba eli cebo, nalo msebenzi, ukuba lingaba lelabantu, lotshitsha:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kungoku ke ndithi kuni, Khwelelani kwaba bantu nibayeke; ngokuba eli cebo, nalo msebenzi, ukuba lingaba lelabantu, lotshitsha.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngokunjalo nakwesi isihlandlo musani ukuthatha manyathelo ngakula madoda. Wayekeni, kuba ukuba lo msebenzi wawo yinto nje yabantu uza kuphelela esithubeni;