Acts 5:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Petrosi wati kuye: Yinina ukuba nivumelene ukulinga umoya wenkosi? bona ke, inyawo zabo bayincw̔abileyo indoda yako zingasemnyango, zaziya kutwalela pandle nawe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uthe ke uPetros kuye, Yini na ukuba nivumelane ngokumlinga uMoya weNkosi? Uyabona, iinyawo zabo bangcwabe indoda yakho sezisemnyango; baya kukuthwalela phandle.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uthe ke uPetros kuye, Yini na ukuba nivumelane ngokumlinga uMoya weNkosi? Uyabona, iinyawo zabo bangcwabe indoda yakho zisemnyango, baya kukuthwalela phandle.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wayibuza wathi uPetros: “Kungani ukuba wena nendoda yakho nidibane ngokuvavanya uMoya weNkosi? Uyabona ke, abafana abavela kungcwaba indoda yakho nâbo emnyango, nawe lo baza kukuthatha bemke nawe.”