Acts 7:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza watuma u‐Josefe wambiza uyise u‐Yakobi eze kuye, nazo zonke izalamane zake, ingamashumi asixe̔nxe anamihlanu imipefumlo yonke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathumela ke uYosefu wambiza uyise uYakobi, nabo bonke abazalana naye, bayimiphefumlo engamashumi osixhenxe anesihlanu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathumela uYosefu, wambiza uyise uYakobi, nemizalwane yakhe yonke, imiphefumlo emashumi asixhenxe anantlanu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UJosefu wamema uyise uYakobi ukuba aye kuhlala eJiputa nomzi wakhe wonke. Babengamashumi asixhenxe anesihlanu bebonke.