Acts 7:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa njengokuba libe lisondela ixesha ledinga abelifungile utixo ku‐Abrahame, kwa njalo bakula abantu, bandiswa e‐Jipete,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Lithe ke, lakuba lisondele ixesha ledinga, awalifungayo uThixo kuAbraham, bakhula abantu, banda eYiputa,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuthe ke, lakuba lisondele ixesha ledinga, awalifungayo uThixo kuAbraham, bakhula abantu, banda eYiputa,
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ekusondeleni kwexesha lokuba uThixo asizalisekise isithembiso awasenza kuAbraham, abantu bakuthi ababeseJiputa babesebande kakhulu.