Acts 7:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wati yena: Madoda, bazalwana nobawo! pulapulani. Utixo wobungcwalisa wabonakala kubawo wetu u‐Abrahame, nxa abese‐Mesopotami, engekahlalanga e‐Karane,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uthe ke yena: Madoda, bazalwana, nani bobawo, phulaphulani.UThixo wozuko wabonakala kubawo wethu uAbraham, ekwelaseMesopotami, phambi kokuma kwakhe kwelakwaHaran,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uthe ke yena: “Madoda, bazalwana, nani bobawo, phulaphulani. uThixo wozuko wabonakala kubawo wethu uAbraham, eseMesopotami, engekami kwelakwaHaran.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waza uStefano wathetha nentlanganiso wenjenje: “Mawethu nani bobawo, khanindiphulaphule. UThixo, eyona ngangalala, wabonakala kukhokho wethu uAbraham ngexesha awayehlala eMesopotami, ngaphambi kokuba aye kuhlala eHaran,