Acts 7:29 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wesaba u‐Mosesi ngesiteto esi, waba ngowasemzini elizweni le‐Midiyane, apo wazalela kona onyana bababini.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wasaba ke uMoses ngelo lizwi, wangumphambukeli emhlabeni wakwaMidiyan, apho wazalela khona oonyana bababini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wasaba ke uMoses ngelo lizwi, waba ngumphambukeli ezweni lakwaMidiyan, apho wazalela khona oonyana ababini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akuyiva le ntetho uMosis, wabaleka, waya kuhlala kumhlaba waseMidiyan. Apho wazala oonyana ababini.