Acts 7:38 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nguye lo owabeko entlanganisweni entlango kunye nengelosi ebiteta kuye entabeni ye‐Sinai, na kunye nobawo betu: owamkela amazwi abubomi ukuba awanike kuti:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nguye lowo owayephakathi kwalo ibandla entlango, ndawonye nesithunywa sezulu, ebesithetha naye entabeni yeSinayi, noobawo bethu; owamkelayo izihlabo zobomi, ukuze azinikele kuthi;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nguye lo owayesebandleni entlango, ndawonye nesithunywa sezulu, ebesithetha naye entabeni yeSinayi, enoobawo bethu;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nguye lowa wayekunye nebandla likaSirayeli entlango. Wayekhona apho nookhokho bethu, ekwakunye nesithunywa sezulu esasithetha naye entabeni yeSinayi. Wamkela kuThixo imiyalelo ephilileyo ukuba ayidlulisele kuthi.