Acts 7:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula wapuma elizweni lama‐Kaledine, wahlala e‐Karane. Waza wamsusa kona, emveni kwokufa kwoyise, wamfudusela kwelilizwe enihlala kulo nina ngoku.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waza waphuma ke emhlabeni wamaKaledi, wema kwelakwaHaran.Emveni kokufa kukayise, wamsusa apho, wamfudusela kulo mhlaba nimiyo kuwo nina ngoku.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wesuka ke ezweni lamaKaledi, wahlala eHaran. Wathi, akuba efile uyise, wamfudusela kweli lizwe nihleli kulo nina ngoku.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waza ke ngoko wawushiya umhlaba wamaKaledi, waya kuhlala eHaran. Emveni kokufa kukayise, uThixo wathi uAbraham makafudukele kweli lizwe nikulo nani ngoku.