Acts 7:42 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wajika ke utixo, wabayekelela ukuba bawukonze umkosi wezulu; njengokuba kuba̔liwe encwadini yabaprofite, ukuti: Imibingo neminikelo niyinikele na kum, iminyaka yamashumi mane, entlango, ndlu ka‐Sirayeli?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wajika ke uThixo, wabanikela ukuba bakhonze umkhosi wezulu;njengoko kubhaliweyo encwadini yabaprofeti kwathiwa, Ningaba nisondeze kum imibingelelo neminikelo yini na Iminyaka emashumi mane entlango, ndlu kaSirayeli?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wajika ke uThixo, wabanikela ukuba bakhonze umkhosi wezulu; njengoko kubhaliweyo encwadini yabaprofeti kwathiwa, Nibe nisondeza kum na kum amadini amadini, ndlu kaSirayeli, iminyaka emashumi mane entlango?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngenxa yaloo nto uThixo wabafulathela, wabayeka ukuba banqule iinkwenkwezi zezulu, njengoko kubhaliweyo encwadini *yabashumayeli kwathiwa: “ ‘MaSirayeli, yayingendim enanimxhelela, nimenzela amadini, iminyaka emashumi mane entlango.