Acts 7:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Akamnika lifa ke kulo, enga mnikanga nendawo yokunyatelwa kwonyawo: kanti noko wambekela ngedinga lokuba wolinika kuye libe yimfuyo, nakwinzalo yake emva kwake, nxa abengenamntwana.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akamnika lifa kuwo, kwanendawo engangonyawo; kodwa wambeka ngedinga lokuba uya kumnika ube ngowakhe, nembewu yakhe emva kwakhe, phofu engekabi namntwana.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akamnika lifa khona, kwanendawo engangonyawo, kodwa wathembisa ukuba uya kumnika ibe yeyakhe, nembewu yakhe emva kwakhe, engekabi namntwana.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngelo xesha uThixo akamnikanga nendawana le uAbraham kulo mhlaba, ukuba ayime: hayi, nditsho nomhlathana lo womhlaba! Kodwa kananjalo uThixo wamthembisa uAbraham ukuba uya kumnika loo mhlaba, awume yena nezizukulwana zakhe emva kwakhe. Ukusenza kwakhe uThixo esi sithembiso uAbraham wayengekazali mntwana.