Acts 7:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wateta ngokunje utixo, ukuti: Inzalo yake yopambukela ezweni labasemzini, abaya kuyikonzisa bayipate kakubi iminyaka emakulu mane.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku wenjenje uThixo ukuthetha, wathi, imbewu yakhe iya kuba ngabaphambukeli emhla beni wabasemzini; baya kuyenza amakhoboka, bayiphathe kakubi iminyaka engamakhulu omane.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wenjenje uThixo ukuthetha, wathi, Imbewu yakhe iya kuba ngabaphambukeli ezweni lasemzini; ukuba baye ebukhobokeni, babaphathe kakubi, iminyaka emakhulu mane.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UThixo wathetha ngolu hlobo kuye: ‘Isizukulwana sakho siya kufuduka, siye kuhlala elizweni lasemzini, apho siya kuba ngamakhoboka, sibandezeleke iminyaka engamakhulu amane.