Acts 7:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjako wamnika ucebano lwolwaluko: kwa njalo ke wazala u‐Yisake, wamalusa ngomhla wesibozo; waza u‐Yisake wazala u‐Yakobi, no‐Yakobi wazala oyise abakulu boshumi linababini.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waza wamnika umnqophiso wolwaluko; wathi yena ekuwo, wazala uIsake, wamalusa ngomhla wesibhozo, waza uIsake wamenjenjalo uYakobi, waza noYakobi wabenjenjalo oomawokhulu abalishumi elinababini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waza wamnika umnqophiso wolwaluko, wathi ngokunjalo uAbraham wamzala uIsake, wamalusa ngomhla wesibhozo; uIsake ke wazala uYakobi; uYakobi wazala oomawokhulu abalishumi elinababini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waza uThixo wamnika ulwaluko uAbraham ukutywina loo mnqophiso. UAbraham ke wamolùsa uIsake ngosuku lwesibhozo ezelwe, waza ngokukwanjalo uIsake wamolùsa uYakobi, noYakobi wenza kwaloo nto kookhokho abalishumi elinambini.