Acts 8:27 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wesuka ke wahamba: kekaloku bona ke, umntu wase‐Tiyopiya, umbusi omkulu ka‐Kandase ukumkanikazi wama‐Tiyopiya, obepezu kwayo yonke indyebo yake, obezile e‐Yerusaleme ukuza kubedesha,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Usukile ke waya. Kwavela indoda engumTiyopiya, ithenwa, isikhulu sikaKandase, ukumkanikazi wamaTiyopiya, ebiphethe bonke ubutyebi bakhe, eyayize kunqula uThixo eYerusalem.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wesuka ke, wahamba, kwaye kukho indoda engumTiyopiya, ithenwa, igunya likaKandase ukumkanikazi wamaTiyopiya, eliphethe bonke ubutyebi bakhe, elibe lize kunqula eYerusalem;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waxhabasha ke waya uFilipu. Endleleni apho wadibana nendoda elithenwa. Lo mfo wayengunondyebo wokumkanikazi uKhandase waseTopiya. Wayegoduka ngenqwelo, evela kunqula uThixo eJerusalem. Enqwelweni apho wayehamba efunda incwadi *yomshumayeli uIsaya.