Acts 9:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yati inkosi kuye: Suka, uye esitarateni esibizwa ngokuti Sesite‐ntse, ubuzele endlwini ka‐Jude umntu ogama lingu‐Saulusi, um‐Tarese; ngokuba, bona ke, etandaza;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ithe ke iNkosi kuye, Phakama, uye esitratweni ekuthiwa sesithe Tye, ubuzise endlwini kaYuda umntu ogama linguSawule waseTarso; kuba nanko ethandaza;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ithe ke iNkosi kuye, Phakama, uye esitratweni ekuthiwa sesithe Tye, ubuzise endlwini kaYuda lowo kuthiwa nguSawule, waseTarso; kuba nanko ethandaza;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yathi iNkosi kuye: “Khawuleza, uye esitalatweni ekuthiwa sesithe ngqo, uze ufune indlu kaJuda, apho kuyo ukhangele indoda yaseTarso egama linguSawule. Iyathandaza khona,