Acts 9:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wati u‐Hananiya ukupendula: Nkosi! ndivile kwabaninzi ngayo indoda le, ukuba zingakanana izinto zobubi izenzileyo kubo abangcwele bako e‐Yerusaleme;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uphendule ke uHananiya wathi, Nkosi, ndivile kwabaninzi ngale ndoda, ukuba zinkulu kwazo izinto ezimbi ezenze kwabangcwele bakho eYerusalem;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waphendula ke uHananiya wathi, Nkosi, ndivile kwabaninzi ngale ndoda, ukuba zininzi kwazo izinto ezimbi ezenze kwabangcwele bakho eYerusalem;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waphendula wathi uHananiya: “Nkosi, baninzi abantu abandixeleleyo ngale ndoda, nangezinto ezilumezayo ezenzileyo ebantwini bakho eJerusalem.