Acts 9:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa inkosi yati kuye: Hamba; ngokuba lo eyimpahla enyuliweyo kum, yokupata igama lam pambi kwabaheyideni, nokumkani, nosapo luka‐Sirayeli;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yathi ke kuye iNkosi, Yiya; ngokuba lowo usisitya esinyuliweyo ndim, sokuphatha igama lam emehlweni eentlanga, nookumkani, kwanoonyana bakaSirayeli;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yathi ke kuye iNkosi, Hamba uhambe; ngokuba lowo usisitya esinyuliweyo kum, sokuphatha igama lam phambi kweentlanga, nookumkani, noonyana bakaSirayeli;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yaza yathi iNkosi kuye: “Hamba uye kuyo, kuba mna ndiyikhethile ukuba indisebenzele, yazise igama lam kwiintlanga nakookumkani nakulo usapho lukaSirayeli.