Acts 9:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wemka ke u‐Hananiya, waya wangena endlwini leyo; waza wabeka izandla pezu kwake, wati: Mzalwana Saulusi! inkosi inditumile, kwa u‐Yesu owabonakala kuwe endleleni ubusiza ngayo, ukuze ubuye ubone, nokuba uzaliswe ngumoya oyingcwele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wemka ke uHananiya, waya kungena endlwini; ebeke izandla phezu kwakhe, wathi, Sawule, mzalwana, indithumile iNkosi uYesu, ebonakele kuwe endleleni oze ngayo, ukuze ubuye ubone, uzaliswe nguMoya oyiNgcwele.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wemka ke uHananiya, waya kungena endlwini; Wabeka izandla phezu kwakhe, wathi, Sawule, mzalwana, indithumile iNkosi uYesu, ebonakeleyo kuwe endleleni oze ngayo, ukuze ubuye ubuye ubone, uzaliswe nguMoya oyiNgcwele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wahamba ke uHananiya, wangena endlwini leyo ebeyixelelwe, wambeka izandla uSawule, esithi: “Sawule, mfondini, iNkosi indithumile, uYesu ngokwakhe, lo umbonileyo endleleni, xa ubusiza apha. Indithumele ukuze wena uphinde ufumane ukubona, uzaliswe nanguMoya oyiNgcwele.”