Acts 9:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwandula kwa oko kwawa emehlweni ake zanga zinkwetu, waselekwamkela ukubona ke, wesuka wabapitizeshwa:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwaoko kwawa emehlweni akhe izinto ezingathi ziinkwethu;wabuya wabona kwaoko, wavuka, wabhaptizwa;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwangoko kwawa emehlweni akhe okungamaxolo, wabuya wabona kwaoko, wavuka, wabhaptizwa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko nangoko kwaba ngathi amehlo kaSawule ongulwe, waza waphinda wanako ukubona. Wathi akuvuka wabhaptizwa.