Acts 9:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko bamangaliswayo bonke ababesiva, bati: Lo asi nguye na owaci̔ta abo babebiza kweligama e‐Yerusaleme, nobezele oku kwa lapa, ukuba abazise benxityiwe pambi kwabaperisite abakulu?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bathi nqa ke bonke abamvayo, bathi, Lo kanene asinguye na owababhuqa eYerusalem abo babelinqula eli gama? Waye nalapha ezele le nto, ukuba abase bekhonkxiwe kubabingeleli abakhulu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bathi nqa ke bonke ababemva, bathi; Lo asinguye na owababhuqa eYerusalem abo babelinqula eli gama, weza nalapha ngenjongo, ukuba abase bekhonkxiwe kubabingeleli abakhulu?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bonke ababemva, babemangaliswa, bebuza besithi: “Ngaba le ndoda asiyiyo na leya yayibatshutshisa eJerusalem bonke abathetha ngeli gama? Kanene, andithi nangoku ilapha nje, izele ukuze ibambe abantu, ibase kubabingeleli abaziintloko?”