Acts 9:27 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa u‐Banabasi wamtabata naye, wamzisa kubapostile, wababalisela okokuba ebebonile inkosi endleleni, nokuba yateta kuye; nokokuba ebetetile ngokukalipa egameni lika‐Yesu e‐Damakusi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UBharnabhas ke wamthabatha wamsa kubapostile, wabacacisela ukuyibona kwakhe iNkosi endleleni, nokuba yathetha naye, nokuthetha kwakhe ngokungafihlisiyo eDamasko egameni likaYesu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uBharnabhas ke wamthabatha wamsa kubapostile, wabacacisela ukuyibona kwakhe iNkosi endleleni, nokuba yathetha naye, nokuthetha kwakhe ngokungafihlisiyo eDamasko egameni likaYesu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wada wancedwa nguBharnabha owamthathayo, wamsa *kubathunywa, wabachazela indlela awabonana ngayo neNkosi, nento eyathethwayo yiNkosi kuye. Wababalisela nangokulishumayela kukaSawule ngesibindi igama likaYesu eDamasko.