Acts 9:40 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa u‐Petrosi wabaku̔pela pandle bonke, waguqa ngamadolo, watandaza; waza wajikela ngasemzimbeni, wati: Tabita! suka. Wawavula ke amehlo ake: wati akubona u‐Petrosi, wesuka wahlala.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabakhuphela phandle ke bonke uPetros, waguqa ngamadolo, wathandaza; waza eguqukele esidumbini wathi, Tabhita, vuka.Wawavula ke amehlo akhe; wathi akubona uPetros, wesuka wahlala.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uPetros wabakhuphela phandle bonke, waguqa wathandaza; wamjikela emzimbeni, wathi, Tabhita, vuka. Yawavula ke amehlo ayo, yathi yakumbona uPetros, yavuka yathi nkqo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UPetros wabakhuphela phandle bonke, waza waguqa wathandaza. Wathi kamva waguqukela kuso isidumbu, wathi: “Tabhita, vuka!” Wajonga, waza akubona uPetros, wavuka.