Amos 1:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Utsho uyehova ukuti: Ngenxa yezigqito ezitatu zika‐Edome, nangenxa yezine, andiyi kubuyisa ukugwetywa kwake; ngokuba eputumile umzalwana wake ngesiṙele, wazonakalisa ezake izibele; ingqumbo yake yaqwenga futi, nomsindo wake wawugcina ngonapakade.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zakwaEdom, ngenxa yezine—andiyi kuyibuyisa umva le nto—ngenxa yokumsukelisa kwakhe umzalwana wakhe ngekrele, eyilahlile imfesane yakhe, umsindo wakhe uhlala uqwenga, emana egcine ukuphuphuma komsindo wakhe:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova, Andiyi kuyijika, ngenxa yezono ezithathu nokuba zine zikaEdom; ngokuba wamlandela umkhuluwa wakhe ngekrele, wayilahla yonke inceba yakhe, waba nobushushu bomsindo wakhe, wahlala enomsindo ngonaphakade:
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Utsho *uNdikhoyo ukuthi: “Nokuba amaEdom ayone izihlandlo zazithathu ngendingasirhoxisanga isohlwayo sam. Kambe ke suke agqithisa ngokona isihlandlo sesine. Kaloku wona awaqweqwedisa ngekrele amawabo, ayitsho yaphela tu imfobe yokuzalana, awaqwenga enomsindo ongapheliyo, umsindo ongathibazekiyo.