Amos 1:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Utsho uyehova ukuti: Ngenxa yezigqito ezitatu zosapo luka‐Hamoni, nangenxa yezine, andiyi kubuyisa ukugwetywa kwalo; ngokuba luqangqulule abamitiyo base‐Gileyadi, ukuze luwandise umda walo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zoonyana baka-Amon, ngenxa yezineandiyi kuyibuyisa umva le nto ngenxa yokuqangqulula kwabo abamithiyo baseGiliyadi, ukuze bandise umda wabo:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova, Ngenxa yobugwenxa obuthathu, nokuba bune boonyana baka-Amon, andiyi kukha ndibubethe kubo; ngokuba baqwenga abafazi abamithiyo baseGiliyadi, ukuze bandise ilizwe labo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Utsho *uNdikhoyo ukuthi: “Nokuba ama-Amon ayone izihlandlo zazithathu ngendingasirhoxisanga isohlwayo sam. Kambe ke suke agqithisa ngokona isihlandlo sesine. Kaloku wona aqangqulula abafazi abakhulelweyo baseGiliyadi ukuze bandise imida yabo.