Amos 1:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti: Uyehova uya kugquma e‐Ziyone, aku̔pe ilizwi lake e‐Yerusaleme; amaṙiwa abalusi aya kulila, nengcopo ye‐Karamele yobuna.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi: UYehova uyabharhula eZiyon, akhuphe ilizwi lakhe eYerusalem, amakriwa abalusi enze isijwili, incopho yeKarmele yome.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwaye wathi: iNkosi iya kugquma iseZiyon kwaye iphakamise ilizwi layo eYerusalem; namadlelo abalusi aya kuba lusizi, nenduli yeKarmele ibe lusizi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathetha wenjenje uAmos: “*UNdikhoyo angabharhumla kwintab' iZiyon, iziwi lakhe lingazongoma livela ngaseJerusalem, amadlelo atsho abharhe, yona incopho yentaba iKarmele itshaze.”