Amos 1:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Utsho uyehova ukuti: Ngenxa yezigqito ezitatu ze‐Damakusi, nangenxa yezine, andiyi kubuyisa ukugwetywa kwayo; ngokuba bebulile i‐Gileyadi ngentsimbi zento yokubula.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zeDamasko, ngenxa yezineandiyi kuyibuyisa umva le ntongenxa yokuba bambhulayo uGiliyadi ngezibhulo zesinyithi:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova; Ngenxa yezikreqo ezithathu zeDamasko, ngenxa yezine, andiyi kuyeka ukuba netyala; ngokuba iGiliyadi bayibhula ngeempahla zesinyithi:
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Utsho *uNdikhoyo ukuthi: “Nokuba iDamasko yayone izihlandlo zazithathu ngendingasirhoxisanga isohlwayo sam. Kambe ke suke yagqithisa ngokona isihlandlo sesine. Kaloku ibhule iGiliyadi ngesileyi sokubhula esimazinyo ayintsimbi.