Amos 1:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Utsho uyehova ukuti: Ngenxa yezigqito ezitatu ze‐Gaza, nangenxa yezine, andiyi kubuyisa ukugwetywa kwayo; ngokuba befudusile inani lonke labatinjiweyo, baze ba ba nikele ku‐Edome.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zeGaza, ngenxa yezine—andiyi kuyibuyisa umva le nto—ngenxa yokuthimba kwabo abathinjwa ngokuzeleyo, ukuze babanikele kuEdom:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova, Ngenxa yezikreqo ezithathu zikaGasa, ngenxa yezine—andiyi kumyeka; ngenxa yokuba bonke bathatyathelwa ekuthinjweni ukuze babanikele kuEdom:
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Utsho *uNdikhoyo ukuthi: “Nokuba iGaza yayone izihlandlo zazithathu ngendingasirhoxisanga isohlwayo sam. Kambe ke suke yagqithisa ngokona isihlandlo sesine. Kaloku bona bathimba isizwe siphela, basithengisa saba ngamakhoboka kwaEdom.