Amos 1:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Utsho uyehova ukuti: Ngenxa yezigqito ezitatu ze‐Tire, nangenxa yezine, andiyi kubuyisa ukugwetywa kwayo; ngokuba benikele inani lonke labatinjiweyo ku‐Edome, bengakumbulanga ucebano lwabazalwana.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zeTire, ngenxa yezineandiyi kuyibuyisa umva le ntongenxa yokubanikela kwabo abathinjwa bephelele kuEdom, abawukhumbula umnqophiso wobuzalwana:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova, Ngenxa yezikreqo ezithathu, nokuba zine zeTire, andiyi kukuthintela ekugwetyweni kwayo; ngokuba wabanika uEdom bonke abathinjwa, akawukhumbula umnqophiso wobuzalwana:
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Utsho *uNdikhoyo ukuthi: “Nokuba iTire yayone izihlandlo zazithathu ngendingasirhoxisanga isohlwayo sam. Kambe ke suke yagqithisa ngokona isihlandlo sesine. Kaloku bona bathimba isizwe siphela, basithengisa saba ngamakhoboka kwaEdom, suka bawutyeshela umnqophiso wobuzalwana.