Amos 2:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Utsho uyehova ukuti: Ngenxa yezigqito ezitatu zo‐Juda, nangenxa yezine, andiyi kubuyisa ukugwetywa kwabo; ngokuba umteto kayehova bewudelile, nemimiso yake bengayigcinanga; nezinto ezilulwimi zabo zibalahlekisile, ezo bazilandelayo oyise babo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zakwaYuda, ngenxa yezineandiyi kuyibuyisa umva le ntongenxa yokuwucekisa kwabo umyalelo kaYehova, abayigcina imimiselo yakhe; amanga abo, ababelandela wona ooyise, abandwendwisa:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova, Ngenxa yobugwenxa bukaYuda obuthathu, nokuba bune, andiyi kukuthintela ukohlwaya kwakhe; kuba bawucekisile umthetho kaYehova, abayigcina imiyalelo yakhe, yaye ubuxoki babo babalahlekisisa njengoko bahambayo ookhokho babo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Utsho *uNdikhoyo ukuthi: “Nokuba amaJuda ayone izihlandlo zazithathu ngendingasirhoxisanga isohlwayo sam. Kambe ke suke agqithisa ngokona isihlandlo sesine. Kaloku wona awulahlile umyalelo kaNdikhoyo, akayigcina imimiselo yakhe, suka alahlekiswa ngamampunge, nditsho amampunge awayelandelwa ngooyise.