Amos 2:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ababefulelayo utuli lwomhlaba pezu kwentloko yamahlwempu, nendlela yabalulamileyo bayayipambukisa; indoda noyise wayo bayangena kwenye intombi, ukuze balidyobe igama lam elingcwele;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
bona abo bazondayo ukuba intloko yezisweli ibe nothuli lomhlaba, bayijike indlela yabalulamileyo; umntu noyise baya ntombini-nye, ukuze balihlambele igama lam elingcwele;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
abo balangazelela uthuli lomhlaba entlokweni yamahlwempu, abawalahlekisayo endleleni yabalulamileyo, indoda noyise baya kungena nayo, njengomkhonzi omnye, ekuzukiseni igama lam elingcwele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Iindwayi azinyhasha iintloko zibe luthuli, zona iimpula-kalujaca azitsho ziphume endleleni. Unyana noyise babolekisana ngenkazana enye, benyelisa igama lam elingcwele.