Amos 3:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako oko itsho inkosi e nguyehova ukuti: Kwobako utshaba, lungqonga ilizwe ke; lwaluya kuhlisa amandla ako kuwe, nendlukazi zako ziya kupangwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Umbandezeli uya kuba ngeenxa zonke elizweni; uya kuwathoba amandla akho kuwe, ziphangwe iingxande zakho ezinde.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoko ke, uYehova wathi, Kuya kubakho utshaba ehlabathini; uwakrazule amandla akho kuwe, ziphangwe iingxande zakho ezinde.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yiyo ke loo nto iNkosi uNdikhoyo itshoyo ukuthi: “Umhlaba wenu uza kurhawulwa ziintshaba, zinaphule iimpondo, zithimbe naloo mabhotwe enu.”