Amos 4:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Inkosi e nguyehova ifungile ubungcwele bayo, ukuti: Bona ke! imihla iza kufika pezu kwenu, nxa niya kususwa ngamagwegwe, nabayinzalo yenu ngamaqeṙu entlanzi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
INkosi uYehova ifunge ubungcwele bayo, yathi, Yabonani, nizelwa yimihla eniya kuqweqwediswa ngamagwegwe, nabokugqibela kuni ngamaqerhu okubambisa iintlanzi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYehova ufunge ubungcwele bakhe, wathi, Kuya kufika imihla apho aya kunitsala ngamagwegwe okubambisa iintlanzi, nembewu yenu ngamagwegwe okubambisa iintlanzi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ifunge ubungcwele bayo iNkosi *uNdikhoyo, yathi: “Seyinifikele imini yokuqweqwediswa kwenu nirhuqwa ngamagwegwe, abantwana benu betsalwa ngomlobothi.