Amos 5:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako oko utsho uyehova, utixo wemikosi, inkosi, ukuti: Kuzo zonke izitarate kwobako isijwili; nakuzo zonke indlela baya kuti: Yo! Yo! babize umlimi ekulileni, nabo bonke abakwazi ukukala, esijwilini.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngako oko utsho uYehova, uThixo wemikhosi, iNkosi, ukuthi, Ezindaweni zonke zembutho kukumbambazela; ezitratweni zonke bathi, Yoo! yoo! Babizela umlimi esijwilini, babizela abasaziyo isimema, bathi, Mbambazelani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngako oko, utsho uYehova, uThixo wemikhosi, uYehova, ukuthi, Ezitratweni zonke kuya kubakho isijwili; ngeendlela zonke baya kuthi, Yeha! intloko! yaye baya kubiza abalimi bezilile, nabo banako ukuhamba ukusuka ekuzilweni ukuya ekuzilileni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke utsho uNdikhoyo, uThixo onamandla onke, iNkosi, ukuthi: “Koba sisijwili kwiindawo zonke zembutho; ezitalatweni zonke ibe ngooyoo-yoo zizikhalo. Kobizwa kwanabalimi ukuza kulila, kumenywe nabazili ukuza kubhomboloza.