Amos 5:22 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Noko nindenzelayo amadini okutshiswa neminikelo yokudla yenu, andiyi kuyikolela; neminikelo yoxolo yenu yenkomo ezityetyisiweyo andiyi kuyibuka.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba, xa nithe nandinyusela amadini anyukayo, neminikelo yenu yokudla, akakholeki kum; nombingelelo wenu woxolo wamathole atyetyisiweyo andiwubheki.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba nindizisele amadini anyukayo, namadini akho anyukayo, akakholiswa ngawo; yaye andiyi kukhangela kumbingelelo weenkomo zakho ezityetyisiweyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Loo madini atshiswayo niwenzayo, kunye naloo minikelo yenu yeenkozo, andiyi kuyamkela; andiyi kuyisa so konke iminikelo yenu yobudlelane yeenkomo ezityetyisiweyo.