Amos 6:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Makube nzima kubo abasekwonwabeni e‐Ziyone, nakubo abasekunqabeni entabeni ye‐Samariya, abadumileyo besiqalo sezizwe, abati indlu ka‐Sirayeli beza kubo!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yeha ke abatyeshileyo eZiyon, nabakholose ngentaba yakwaSamari; abadumileyo ngamagama kwintlahlela yeentlanga, eza kubo indlu kaSirayeli!
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yeha ke abemi baseZiyon, abakholose ngentaba yakwaSamari, ebizwa ngokuba yintloko yeentlanga, eyaya kuzo indlu kaSirayeli!
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Mawoo! Lusizi okwenu, nina bantundini bathe zava eZiyon, nina nizicingelayo ukuba nikhuselekile kwintaba yaseSamariya – nditsho nina, zindwalutho zesizwe, nina kuziwa kuni ngabantu bakwaSirayeli.