Amos 6:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo umalamane womntu, kwa lowo omtshisayo, womtabata, kuze kususwe amatambo ake endlwini; waeya kuti kulowo osemacaleni endlu: Useko nawe umntu na? waeya kuti yena: Akuko namnye. Uya kwandula ati: Tutu! ngokuba singekankanye igama likayehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Umntu wophakanyiswa nguyisekazi, umngcwabi wakhe, ukuba awakhuphe amathambo akhe endlwini, athi kosentla endlwini, Kusekho na okuwe? athi lowo, Akusekho nto; wothi yena, Thwize;ngokuba alingekhankanywa igama likaYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Womthabatha uyisekazi waloo mntu, nalowo umtshisileyo, awakhuphele amathambo ngaphandle kwendlu, athi kulowo ungaphakathi endlwini, Kusekho mntu na kuni? kwaye uya kuthi: Hayi!
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Siya kuthi isizalwana esingcwabayo xa siphakamisa isidumbu sisikhuphela ngaphandle ukuze sitshise amathambo, sakubiza umntu osengontsini yendlu sisithi: “Ngaba uwedwa apho?” aze athi: “Ndindedwa!” isizalwana eso sithi: “Yithi cwaka; igama likaNdikhoyo malingakhankanywa kule nto.”