Amos 6:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Amahashe aya kubaleka na pezu kweliwa? kwopulushwa na kona ngenkabi? ngokuba niguqule ubugwebo bube yinyongo, nesiqa̔mo sobulungisa sibe ngumhlonyane:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Amahashe ayabaleka na phezu kweengxondorha? bayalima na khona ngeenkomo? ukuba nikujike nje okusesikweni kube bubuhlungu, nesiqhamo sobulungisa sibe ngumhlonyane;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Amahashe ayabaleka na phezu kwengxondorha? Ngubani na olima iinkomo khona? Ngokuba ukujike okusesikweni kwaba lugonyamelo, nesiqhamo sobulungisa wasiguqula saba ngumhlambi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akhe aphale na amahashe emaweni? Ngaba ukho olima apho ngeenkabi zeenkomo? Kodwa nina ubulungisa nibujike baba yityhefu, nokunyaniseka nakutsho kwaba likhala elikrakrayo.