Amos 6:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Gqitelani e‐Kalene, nibone; nimke apo niye e‐Hamati enkulu; nandule nihlele e‐Gate yama‐Filistiya: bezilungile pezu kwezikumkani ezi na? imida yazo ibimikulu kwimida zenu na?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Welelani eKalene, nibone; nisuke khona niye eHamati enkulu, nihle niye eGati yamaFilisti; ukuba ilungile na loo mizi kunezikumkani; ukuba mikhulu na imida yayo kunemida yenu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yiyani eKalene, nibone; asuke apho, aye eHamati enkulu; Wehla ke waya eGati yamaFilisti. Ngaba ingcono kunaba rhulumente? okanye umda wabo mkhulu kunomda wakho?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Khanenjenjeya niye kuvelela iKalene, nidlule apho niye kwesaa sixekokazi iHamati, nihle nibheke eGati isixeko samaFilistiya. Ngaba loo mimandla iyidlula ngantoni eyenu? Ngaba kanene loo mihlaba mikhulu kuneyenu na?