Amos 7:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako oko utsho uyehova ukuti: Umfazi wako woba ngumpinyiswa esixekweni; onyana bako nentombi zako baya kuwa ngesiṙele; nomhlaba wako uya kwabiwa ngentambo; nawe uya kufa emhlabeni onco̔lisekileyo; waye u‐Sirayeli eya kutinjwa ngenyaniso emhlabeni wake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngako oko, utsho uYehova ukuthi, Umfazi wakho uya kuhenyuza phakathi komzi, bawe likrele oonyana bakho neentombi zakho;umhlaba wakho wabiwe ngolutya, ke wena ufele emhlabeni oyinqambi; amaSirayeli aya kuthinjwa, afuduswe emke elizweni lawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngako oko, utsho uYehova ukuthi, Umfazi wakho uya kuhenyuza phakathi komzi, bawe likrele oonyana bakho neentombi zakho; yaye ngokuqinisekileyo uya kufela kwilizwe eliyinkangala, yaye ngokuqinisekileyo uSirayeli uya kuthinjwa emke emhlabeni wakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke yena uNdikhoyo utsho kuwe ukuthi: ‘Umkakho uza kuhamba ehenyuza esixekweni. Oonyana bakho neentombi zakho baza kufa likrele. Umhlaba wakho uza kwabelwa abanye abantu. Wena uza kufela ezweni elicekisekileyo. Andisathethi ke ngawo amaSirayeli; wona aza kususwa kowawo umhlaba, asiwe ekuthinjweni.’ ”