Amos 8:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
abafungayo ityala le‐Samariya, batsho ukuti: Bomi botixo wako, Dane! nokuti: Bomi besiko le‐Beresheba! bowa kwa bona, bangabuyi bapakame.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bona abo bafunga ityala lakwaSamari; bathi, Ehleli nje uThixo wakho, Dan; bathi, Ihleli nje indlela yaseBher-shebha:bona baya kuwa, bangabi savuka.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngabo abo bafunga isono sakwaSamari, besithi, Ehleli nje uThixo wakho, Dan! nendlela eya eBher-shebha; nabo baya kuwa, bangabuyi bavuke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abo bafunga loo nto ilihlazo laseSamariya, besithi: ‘Ekhonje uthixo wakho, Dan,’ besithi: ‘Ikhonje indlela abanyuka ngayo abantu ukuya kunqula eBheshebha,’ bona baya kuwa, bangabi sabuya bavuke.”