Amos 9:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bona ke, imihla iyeza, utsho uyehova, ukuba umlimi womfumana umvuni, nomxovuli wedreyive lowo uhlwayelayo imbewu; kanjalo intaba ziya kutontsela iveyine entsha, nazo zonke induli zonyibilika.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yabonani, kuza imihla, utsho uYehova, aya kuthi afumanane umlimi nomvuni, umxovuli weediliya afumanane nomhlwayeli wembewu; iintaba zivuze incindi yeediliya, neenduli zonke zinyibilike.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yabonani, kuza imihla, utsho uYehova, aya kuthi ngayo umlimi abambe umvuni, athi umlimi-zidiliya abambe umhlwayeli; neentaba ziya kuthontsiza iwayini enencasa, neenduli zonke ziya kunyibilika.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ewe, nguwo lo umlomo kaNdikhoyo: “Kuza imihla ekuya kuthi kusavunwa kube sekulinywa kwakhona, kuthi isatyalwa imbewu yediliya kube sekuxovulwa. Ewe, iintaba ziya kuvuzisa incindi yeediliya, iinduli zitsho zinyibilike.