Amos 9:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Noko batyobozelayo ehadesi, sobatabata kwa kona isandla sam; noko bakwelayo ezulwini, ndobahlisa kwa kona:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukuba bathe bagqobhozela elabafileyo, sobathabatha nakhona isandla sam; nokuba bathe benyuka baya ezulwini, ndobahlisa nakhona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba bathe bemba emhadini, sobathabatha khona isandla sam; nokuba bathe benyuka baya ezulwini, ndobahlisa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nokuba bangade bazembele baye kutsho kwelabafileyo, ndiya kubakhupha apho. Nokuba bangade banyukele phezulu ezulwini, ndiya kubathula nalapho.